Masiyithethe yona inyani—eminye imisebenzi inzima kangangokuba usuka nje uyibekele elinye ixesha. Nanga amanye amacebiso ambalwa. • Wahlulahlule. “ Nokuba ndiyazi ukuba umsebenzi wam usemva kakhulu, ndizama ukuwuleqa ngokwenza into ibe nye ngexesha,” itsho njalo enye intombi egama linguMelissa.

Oktobra, Evropskog dana borbe protiv trgovine ljudima, održana je dvodnevna obuka na temu uloge i korištenja informacionih tehnologija u trgovini ljudima, koja je okupila više od 20 sudija i. Yana Hashamova is Professor and Chair of the Department of Slavic and East European Languages and Cultures and an Associate Faculty member of the Departments of Comparative Studies, Women’s, Gender and Sexuality Studies, the Interdisciplinary Program of Film Studies, and the Mershon Center for International Security Studies.

• Wenze ngoko nangoko. “ Wenze kanye ngexesha owufumana ngalo, nokuba uwubhala nje kwizinto oza kuzenza okanye ubhala ezinye zeendlela oza kuwenza ngazo ungekazilibali.”—UVera.

• Cela uncedo. Kusenokwenzeka ukuba abazali okanye ootitshala bakho bakhe bakuyo le ngxaki. Unokufumana amacebiso athile kwindlela abenza ngayo.

Mhlawumbi banokukunceda ucingisise kakuhle ngendlela oza kuwenza ngayo. Amaxesha amaninzi imisebenzi yesikolo oyenzayo inezinto ezikudikayo. Ngoko yintoni onokuyenza xa ungenamdla kumsebenzi ekufuneka uwenzile? Zama ezi zinto. Native instruments elektrik piano download full game. • Cinga isizathu sokuba kufuneke uwenze kwangoko. Ngokomzekelo, cinga indlela oza kuvuya ngayo wakuwugqiba.

Intombazana egama linguAmy ithi: “ Ndivuya kakhulu xa ndiyigqibe ngexesha elifunekayo into okanye ngaphambi kwexesha kuba ingqondo iyaphola”. • Zikhumbuze ngemiphumo. Xa uzilazila, udinwa ingqondo yaye usenokungawenzi kakuhle umsebenzi. IBhayibhile ithi: “ Uza kuvuna kanye le nto uyilimileyo.”—, i Good News Translation. • Zibekele ixesha lokuwugqiba elingaphambi kwelo ufuneka ngalo. Intombazana egama linguAlicia ithi: “ Kuyandinceda ukuzixelela ukuba umsebenzi ufuneka kusuku okanye kwezimbini ngaphambi kwelona xesha ufuneka ngalo.

Nditsho ndikwazi ukuphinda ndiwujonge ndize ndibe nosuku okanye ezimbini endingenzi nto ngazo.”. UNathan uthi: “ Abantu basoloko besithi ndizibekel’ amangomso izinto, kodwa bandidlel’ indlala! Abayiqondi indlela endixakeke ngayo!” Ukuba ucinga ngale ndlela, khawuzame la macebiso. • Qala ngokwenza izinto ezilula. Intombazana egama linguAmber ithi: “ Omnye umntu wakha wandixelela ukuba, ukuba into oza kuyenza uza kuyigqiba ngemizuzu engaphantsi kwemihlanu, umele uyenze ngoko nangoko. Octane render 1022 x64 cracked glxl.

Leyo yinto efana nokucoca, ukuxhoma iimpahla zakho, ukuhlamba izitya nokufowuna.” • Qala ngezinto ezibalulekileyo. IBhayibhile ithi: ‘ Qiniseka ngezinto ezibaluleke ngakumbi.’ () Unokuyenza njani loo nto kubomi bakho bemihla ngemihla? Intombazana egama linguAnna ithi: “ Ndibhala yonke imisebenzi yesikolo ekufuneka ndiyenze nexesha efuneka ngalo. Kodwa eyona nto ibalulekileyo, ndibhala ixesha endiza kuwenza ngalo nendiza kuwugqiba ngalo umsebenzi ngamnye.” Ngaba oko kuvakala ngathi kukuzibekela imithetho engqongqo? Khawuphinde uyicinge le nto!

Ingongoma yile, xa uzenzela ucwangciso, ixesha lixhomekeke kuwe, awulawulwa lilo. Xa kunjalo, akuyi kuxinana ingqondo. UKelly uthi: “ Ukuyiceba kakuhle indlela endiza kusebenza ngayo kundenza ndizole yaye izinto zihamba ngendlela endicebe ngayo.” • Makungabikho nto ikuphazamisayo. UJennifer uthi: “ Xa ndiza kwenza umsebenzi wam ndixelela wonke umntu osendlwini. Ukuba kukho into abafuna ndiyenze, ndiyabacela ukuba bandixelele ngaphambi kokuba ndiqalise umsebenzi wam. Ndicima ifowuni nee-email.”.